Genesis 46:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kekaloku amadoda lawo angabalusi begusha, ngokuba engabafuyi benkomo; kanjalo azisile igusha zawo, nenkomo zawo, nako konke anako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, aze nazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye loo madoda ngabalusi, kuba umsebenzi wawo ibikukwalusa umhlambi; bezisa impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndithi kuye: ‘Bangabathandi bemfuyo, yaye ke beze nayo yonke impahla yabo nako konke okwabo.’