Genesis 46:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nandule ukuti: Izicaka zako zingabafuyi benkomo kwa sebutsheni betu kwada kwakaloku, kwa tina nobawo betu nabo: ukuze nibe nokuhlala elizweni le‐Goshene; ngokuba beyintshontsho kuma‐Jipete bonke abalusi begusha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nothi, Besisebenza nabakhonzi bakho, kwasebuncinaneni bethu unangoku, ngemfuyo, thina noobawo; ukuze nime ezweni laseGoshen; kuba balisikizi kumaYiputa bonke abalusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ze nithi: ‘Singamathanda-mfuyo kwasebuncinaneni bethu, kanye njengookhokho bethu.’ Ukuba nitshilo, ukumkani woniyeka nime eGoshen. Kaloku abantu abathanda imfuyo abazelwe nto apha eJiputa.”