Genesis 46:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Yakobi wesuka e‐Beresheba; baza onyana baka‐Sirayeli bamtwala u‐Yakobi uyise wabo, nabantwana babo, nabafazi babo, ezinqwelweni abezitumile u‐Faro ukuza kumtwala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma ke uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthabatha uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthabathe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wanduluka eBheshebha uYakobi. Yena, nabantwana boonyana bakhe, kunye nabafazi babo, babekhwele kwiinqwelo ezazithunyelwe ngukumkani waseJiputa.