Genesis 46:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Batabata inkomo zabo, nempahla yabo ababeyiqwebile elizweni le‐Kanane, beza e‐Jipete, u‐Yakobi nayo yonke inzalo yake kunye naye:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyifumene ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi noonyana bakhe bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baqhuba iinkomo zabo nako konke okwabo abakufumana eKanana, bahamba nako, baya eJiputa. UYakobi wahamba nosapho lwakhe lonke: