Genesis 47:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukuza u‐Josefe washumayela ku‐Faro, wati: Bafikile ubawo nabakuluwe bam, negusha zabo, nenkomo zabo, nako konke abanako, bevela elizweni le‐Kanane; bona ke, basezweni le‐Goshene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ufikile ubawo nabazalwana bam, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo, bevela ezweni lakwaKanan; nabo besezweni laseGoshen.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ubawo, nabazalwana bam, bevela ezweni lakwaKanan, impahla yabo emfutshane, nemfuyo yabo, neento zonke abanazo; nabo basezweni laseGoshen.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu ke waya kumbikela ukumkani, wathi: “Ubawo ufikile; uze nabo bonke abantakwethu, evela eKanana. Uze nako konke okwakhe, yaye nanko elinde eGoshen.”