Genesis 47:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Yakobi wahlala ezweni le‐Jipete iminyaka yalishumi linesixe̔nxe; yaza imihla ka‐Yakobi, iminyaka yokudla kwake ubomi, yaba likulu leminyaka linamashumi mane anesixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYakobi wadla ubomi ezweni laseYiputa iminyaka elishumi elinesixhenxe; imihla kaYakobi, iminyaka yobudala bakhe, yaba yiminyaka elikhulu elinamanci amane, aneminyaka esixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYakobi wadla ubomi iminyaka elishumi elinesixhenxe ezweni laseYiputa; Iyonke iminyaka kaYakobi yaba yiminyaka elikhulu elinamanci mane anesixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahlala apho eJiputa uYakobi, wada wanekhulu linamashumi mane anesixhenxe eminyaka, selegqibe ishumi linesixhenxe leminyaka eJiputa.