Genesis 47:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yada yasondela imihla ka‐Sirayeli yokuba abube; waza wabiza unyana wake u‐Josefe, wati kuye: Ukuba ke sendifumene ufefe emehlweni ako, kaubeke isandla sako ngapantsi kwetanga lam, undenzele ububele nenyaniso: zungandincw̔abi e‐Jipete;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yasondela imihla kaSirayeli yokuba afe; wabiza unyana wakhe uYosefu, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam, undenzele inceba nenyaniso. Uze ungakhe undingcwabe eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lasondela ixesha lokuba uSirayeli afe; wabiza uYosefu unyana wakhe, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibona inceba emehlweni akho, khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam, ndenzele inceba nenyaniso; uze ungandingcwabi eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe xa seleza kubhubha, uSirayeli wabiza uJosefu unyana wakhe, wathi kuye: “Ukuba uyandithanda beka isandla sakho phantsi kwethanga lam ufunge ukuba akusayi kundingcwabela eJiputa.