Genesis 47:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko ndiya kulala nobawo bam, wauya kundisusa e‐Jipete, undincw̔abe encw̔abeni labo. Wayesiti: Ndiya kwenza njengelizwi lako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ndiya kulala koobawo; uze undisuse eYiputa, undingcwabe engcwabeni labo. Wathi ke yena, Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mna ndiya kuhlangana noobawo, yaye ngokuqinisekileyo uya kundikhupha eYiputa uze undingcwabe engcwabeni labo. Wathi: Ndiya kwenza njengoko uthethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze undithwale uye kundingcwabela apho bangcwatywe khona ookhokho bam.” Wathi uJosefu: “Ndiya kwenjenjalo.”