Genesis 47:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babuya bati ku‐Faro: Size ukuza kupambukela kwelilizwe; ngokuba kungeko dlelo legusha ezinalo izicaka zako, indlala inzima nje elizweni le‐Kanane: maziti ke ngoko izicaka zako zihlale ezweni le‐Goshene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kuFaro, Siphambukele kweli hlabathi; ngokuba ingenatyani bampahla yabo emfutshane abakhonzi bakho; ngokuba inkulu indlala ezweni lakwaKanan. Kaloku abakhonzi bakho mabahlale ezweni laseGoshen.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza bathi: “Imbangi yokufudukela kwethu eJiputa yimbalela eyatsho angumqwebedu amadlelo eKanana. Ngako oko izicaka zakho ziyacela ukuba uzivumele zime apha eGoshen.”