Genesis 48:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute emveni kwezizinto, kwatiwa ku‐Josefe: Bona ke, uyihlo uyafa. Wasuka watabata naye onyana bake bobabini, u‐Manase no‐Frayime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Uyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Uyabona, uyihlo uyafa; Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, wahamba naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwexesha uJosefu waxelelwa ukuba uyise wayengaphilanga. Uthathe oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, waya nabo kuYakobi.