Genesis 48:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko amehlo ka‐Sirayeli ebenzima ngobudala, wada wakohlwa kukubona. Waza wabasondeza kuye; wandu ukubanga, wabasingata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ayemnyama amehlo amaSirayeli ngenxa yokwaluphala, ukuba angabi nakubona. Wazisondeza kuye; wabanga, wabawola.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USirayeli wayeselebona luzizi, kuba wayeselaluphele, engasaboni kakuhle ke ngoko. Wabasondeza ke uJosefu oonyana bakhe, uSirayeli wabanga.