Genesis 48:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Sirayeli ku‐Josefe: Bendingabanga ndiya kubona ubuso bako; kanti, bona ke, utixo undibonisile nenzalo yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USirayeli wathi uYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSirayeli kuYosefu, Bendingacingi ukuba ndokubona ubuso bakho; Uyabona, uThixo undibonisile, nembewu yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uYakobi kuJosefu: “Bendingasatsho ukuba ndingabuya ndikubone, kodwa uThixo wenze ukuba ndibone nabantwana bakho.”