Genesis 48:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa ingelosi endikululeyo kubo bonke ububi, atamsanqele abafana aba; malibizwe pezu kwabo igama lam, negama lobawo bam, u‐Abrahame no‐Yisake; mabakolise ukwanda kakulu pakati kwelizwe!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isithunywa eso sandihlangula kubo bonke ububi siyawasikelela amakhwenkwe; malibizwe kubo igama lam, negama looyise babo, uAbraham noIsake; kwaye mabakhule babe baninzi ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, osithunywa esandisindisa kuzo zonke iingozi makawathamsanqelise. Igama lam, nelika-Abraham noIsake, malihlale lihleli ngawo la makhwenkwe. Anga anganda achume ehlabathini.”