Genesis 48:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko walayo uyise, wati: Ndiyakwazi, nyana wam! ndiyakwazi; yena naye woba ngabantu, yena naye woba mkulu; kodwa umninawe wake omncinane uya kumgqita ngobukulu noko, nenzalo yake yoba yinto eninzi yezizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akavuma uyise, wathi, Ndiyakwazi oku, nyana wam, ndiyakwazi oku; uya kuba luhlanga, ube mkhulu; kodwa okunene umzalwana wakhe uya kumdlula, nabantwana bakhe babe ziintlanga ezininzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wala uyise, esithi: “Mfo wam, ndiyayazi loo nto. Nayo inzala kaManase iya kuba sisizwe abaluleke. Kodwa ke yena umninawa wakhe uya kuba mkhulu kunaye, ize yona eyakhe inzala ibe zizizwe ngezizwe.”