Genesis 48:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna ke, ekuveleni kwam e‐Padane, wabubela kum u‐Rakele ezweni le‐Kanane, endleleni, nxa ibiseko indawana yomhlaba ukuba kufikwe e‐Eferata; ndaye ndimncw̔aba kona endleleni yase‐Eferata, ekwa yiyo i‐Beteleheme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mna, ekundulukeni kwam ePadan, wafela nam uRakeli ezweni lakwaKanan, endleleni, ndathi ndakufika e-Efrata; Ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata; yiBhetelehem ke leyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ndiyenza ngenxa kanyoko uRakeli. Ndaba buhlungu kakhulu ukubhubha kwakhe eKanana, kufuphi ne-Efrata, xa ndandivela ePadan. Ndamngcwaba apho ngakuloo ndlela iya e-Efrata.” (IEfrata yaziwa ngokuba yiBhetelehem.)