Genesis 49:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intonga yobukumkani ayiyi kumka ku‐Juda, nomnikamteto pakati kwenyawo zake, ade afike u‐Shilo: kwa yena izizwe ziya kumlulamela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intonga yasebukhosini ayiyi kumka kuYuda, nentonga yomlawuli phakathi kweenyawo zakhe ade afike uShilo; kuya kubakho kuye ukuhlanganisana kweentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NguJuda opheth' umsimbithi wokulawula. Uya kuhlala elawula njalo, ade afike umniniwo, izizwe zikhahlele kuye ngentobeko.