Genesis 49:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko isipeta sake sahlala sisebunqobeni, nengalo zezandla zake zazomelele. Kuzo izandla zosomandla ka‐Yakobi, kwa kona apo, kuye umalusi, ilitye lika‐Sirayeli,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe, UMikhono yezandla zakhe inokusityeda, Ngezandla zembalasane kaYakobi, Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSithe nkqi isaphetha sakhe, nezandla zezandla zakhe zomelela ngeRafa kaYakobi; (ngoko ke, umalusi, iliwa lakwaSirayeli;)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa olwakhe utolo alugungqi, neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi, yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.