Genesis 49:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Rubene! ungowamazibulo wam wena, amandla am, nokuqala kwokwomelela kwam; indluliselo yobungangamsha, nendluliselo yobukulu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, uzuko lobuqaqawuli, uzuko lonamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“URubhen lizibulo lam; ndazibon' amandla ngaye; ubudoda bam ndabuqonda ngaye. Ngoyena unamandla; ngoyena unewonga koonyana bam bonke.