Genesis 49:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Yakobi, akuba egqibile ukuyolela onyana bake, wafinyeza inyawo zake emandlalweni, wapuma umpefumlo, wabutelwa ebantwini bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazibeka esingqengqelweni iinyawo zakhe, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuwugqiba umyolelo wakhe uYakobi koonyana bakhe, wabuya wangqengqa, waphuma umphefumlo.