Genesis 49:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungangeni esihlelweni sabo, mpefumlo wam! ungazibandakanyi entlanganisweni yabo, bungcwalisa bam! ngokuba engqunjeni yabo babulala amadoda, nangenkani yabo basika inkabi umbotshwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Owu mphefumlo wam, musa ukungena emfihlakalweni yabo; Ungazibandakanyi nebandla labo, sithandwa sam, ngokuba ngomsindo wabo babulele umntu, baludiliza udonga ngabom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andiwangeni amayelenqe abo; andinanxaxheba kwigqugula labo. Kaloku bagwint' abantu ngenxa yephuku; bangxwelerh' iinkomo ngenxa yemfeketho.