Genesis 49:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Juda ulitole lengonyama; unyukile ekuqwengeni, nyana wam! Watoba, wati butu njengengonyama, nanjengengonyamakazi; ngubanina oya kumvusa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYuda yingonyama entsha; Unyuke waya kuphanga, nyana wam; ngubani oza kumvusa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJuda ndithi yintw' enga yingonyama, yintw' echwechwel' ixhoba, ibuy' ibuthume esikhundleni sayo; buthuthu izolile, ingabe iphazanyiswe nto.