Genesis 50:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula abemi belozwe, aba‐Kanane, bakubona isijwili eso esibayeni sika‐Atade, bati: Sisijwili esinzima esi kuma‐Jipete; ngako oko kwabizwa igama laso ngokuti, yi‐Abele‐mitsarime, epesheya kwe‐Yoredane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandeni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim, ephesheya kweYordan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abemi belo zwe, amaKanan, bakubona ukulila engcwabeni lika-Atadi, bathi, Eso sikhulu isililo samaYiputa; ke ngoko, eso sixeko sasibizwa ngokuba yiAbhele-mitserayim, ngaphesheya kweYordan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu baseKanana, bakubabona bezilile kwisanda sika-Atadi, bayincoma inkqubo ezukileyo yenzila eyayisenziwa ngamaJiputa. Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa igama layo yiAbheli-mizerayim.