Genesis 50:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba onyana bake bamtwalela elizweni le‐Kanane, baza bamncw̔aba emqolombeni wentsimi yase‐Makapela, lowo u‐Abrahame wabewutengile kunye nentsimi, ube yimfuyo yendawo yokuncw̔aba, ku‐Hefrone um‐Hete, ngapambi kwe‐Mamre.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwabela emqolombeni osentsimini yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nelizwe, ukuba ube lingcwaba lakhe uEfron umHeti phambi kowakwaMamre.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bawuthwala umzimba wakhe, bawusa eKanana, bafika bawungcwaba kumqolomba owawuseMakapela, ngasempuma yeMamre, kulaa mhlaba uAbraham wawuthenga kuEfron umHeti, ube yindawo yokungcwabela.