Genesis 50:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU bakubona abakuluwe baka‐Josefe ukuba ufile uyise wabo, bandula bati: Angaba u‐Josefe uya kusitiya, abuyekeze kuti ngokwenyaniso bonke ububi esasimenzela bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Azi uYosefu uya kusitshutshisa na, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Mhlawumbi uYosefu uya kusicaphukela, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kokubhubha kukayise abantakwabo-Josefu baphathwa lixhala lokuba hleze kuthi kanti uJosefu usababambe isixhiba ngento embi abamenza yona.