Genesis 50:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubawo wandifungisa, esiti: Bona ke, ndiza kububa; encw̔abeni lam endizimbele lona elizweni le‐Kanane, kwa kona apo uya kundincw̔aba. Kaloku makendinyuke ukuya kumncw̔aba ubawo, ndandule ukubuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wondingcwabela khona apho.Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubawo wandifungela, esithi, Yabona, ndiyafa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, undingcwabele khona. Kaloku ke mandinyuke ndiye kungcwaba ubawo, ndibuye ndibuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi maze bathi kukumkani: “Xa wayeza kubhubha ubawo wayalela mna Josefu, endifungisa ukuba maze ndimngcwabe kwingcwaba awazilungiselela lona eKanana.” Wathi makancede ke ukumkani amvumele aye kungcwaba uyise, uya kubuya abuye.