Genesis 50:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wenyuka u‐Josefe ukuya kumncw̔aba uyise: kwenyuka naye zonke izicaka zika‐Faro, abadala bendlu yake, nabo bonke abadala belizwe le‐Jipete;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, nezikhulu zendlu yakhe, nezikhulu zonke zelizwe laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahamba uJosefu ukuya kungcwaba uyise. Waphelekwa ngoomaqhuzu basebhotwe, amaphakathi, nabo bonke abantu abaphambili kubemi baseJiputa.