Genesis 6:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wati utixo ku‐Nowa: Ukupela kwoluntu lonke kufikile pambi kwam; ngokuba umhlaba uzele bubudlwengu ngalo: kanjalo, bona ke, ndiya kulutshabalalisa kunye nomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo;yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kobuso bam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona, ndiya kubonakalisa, bona nehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela.