Genesis 6:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba mna, bona ke, ndiza kwa mna ukuzisa umsingakazi wamanzi pezu kwomhlaba, kuze kutshatyalaliswe inyama yonke, ekukuyo umpefumlo wobomi, kwa pantsi kwezulu; konke okusemhlabeni kuya kububa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ke, uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kuphuma umphefumlo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila phantsi kwezulu; kwaye yonke into esemhlabeni iya kufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kuthumela izantyala-ntyala zemvula elizweni, zibhubhise yonke into ephilayo. Kuza kufa yonke into,