Genesis 6:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuzo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi, kwinyama yonke, uya kungenisa ngambini kuzo zonke intlobo, zize zipiliswe kuwe: yoba yinkunzi nemazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo zonke, ukuze zisindiswe nawe, ibe yinkunzi nemazi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, ngenisa emkhombeni ngambini kuzo zonke, ngohlobo ngalunye, ukuze zisindiswe nawe; iya kuba yindoda nomfazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ungenise enqanaweni inkunzi nemazi kwiindidi zonke zezilwanyana neentaka, zona eziya kuza kuwe ukuze zisinde.