Genesis 6:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati uyehova: U‐Moya wam akayi kumana epikisana nomntu ngonapakade, kwa sekubeni eyinyama yena; kodwa imihla yake yoba yiminyaka ibe likulu elinamashumi mabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Umoya wam awusayi kuhlala usebenza emntwini, ngokuba eyinyama; imihla yakhe iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.”