Genesis 6:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati uyehova: Umntu, lowo endimdalileyo, ndiya kumcita ebusweni bomhlaba; kwa umntu, nenkomo, nesinambuzane, nentaka zezulu; ngokuba kulusizi kum ukuba ndizenzile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ndiya kumcima ehlabathini umntu endimdalileyo; umntu nesilwanyana. Nezinambuzane, neentaka zezulu; kuba ndiyaxolisa xa ndizenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Ndiza kubacima kuphele, bangabikho konke emhlabeni abantu endibadalileyo. Nditsho nkqu neenyamakazi, neentaka, kuba ndiyazisola ngento endabadalela yona.”