Genesis 7:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOMNYAKA wamakulu matandatu wokudla ubomi kuka‐Nowa, ngenyanga yesibini, ngoweshumi linesixe̔nxe umhla wenyanga, kwa ngomhla lowo yonke imitombo yayo inzulu enkulu yanqikwa, nezituba zezulu zavuleka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamakhulu amathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini yavuleka yonke imithombo yamanzi onogumbe, neengcango zezulu zavuleka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa, ingumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yesibini xa kwakugqabhuka imithombo yamanzi angaphantsi komhlaba, kuvuleka nemivalo yemisinga esesibhakabhakeni.