Genesis 7:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokwa nguwo lomhla wangena u‐Nowa, no‐Sheme, no‐Hame, no‐Jafete, onyana baka‐Nowa, nomfazi ka‐Nowa, nabafazi bobatatu bonyana bake kunye nabo, enqanaweni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwangaloo mini bangena emkhombeni uNowa, uShem, noHam, noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi boonyana bakhe abathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini kanye uNowa nomkakhe bangena enqanaweni kunye noonyana babo bobathathu, uShem, noHam, noYafete, kwakunye nabafazi babo.