Genesis 7:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yabuba yonke inyama ebishukuma emhlabeni, eyentaka, eyenkomo, eyezilo, neyazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba; nabo bonke abantu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke inyama enyakazelayo emhlabeni iyafa, ezintakeni nakwizilo nakwizilwanyana zasekhaya nakwizinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nabantu bonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu.