Genesis 7:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kucitwa konke okuhleliyo, oko kube kusebusweni bomhlaba, kwa abantu, nenkomo, nezinambuzane, nentaka zezulu; zacitwa emhlabeni: kwaye kusala u‐Nowa yedwa, nabo babenaye enqanaweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke izinto eziphilileyo ezisehlabathini zatshatyalaliswa, abantu, neenkomo, nezinambuzane, neentaka zezulu; kwaye batshatyalaliswa emhlabeni, kwasala uNowa yedwa nabo babenaye emkhombeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwatshatyalaliswa yonke into ephilayo elizweni: abantu, neenyamakazi, neentaka. Kwasala uNowa kunye nabo babesenqanaweni kunye naye.