Genesis 7:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kusentsuku zisixe̔nxe, ndandiya kunisa imvula pezu kwomhlaba, imini zibe mashumi mane, nobusuku bube mashumi mane; nako konke okuhleliyo, endandikwenzile, ndiya kukucita ebusweni bomhlaba wonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndize ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mane nobusuku obumashumi mane, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kunisa imvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; kwaye yonke into ephilayo endayenzayo ndiya kuyitshabalalisa emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kweentsuku ezisixhenxe ndiza kunisa imvula eya kutsho iintsuku nobusuku ezingamashumi mane, ukuze itshabalalise yonke into ephilayo endayidalayo.”