Genesis 8:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zonke izilo ezikuwe, ezenyama yonke, intaka, nenkomo, nazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba, zipumise kunye nawe; ukuze zikolise ukuzala emhlabeni, zicume, zande nokwanda pezu kwomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalise ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zithabathe nawe zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, yonke inyama, neentaka, neenkomo, neento zonke ezinyakazelayo emhlabeni; bande emhlabeni, bande, bande ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zikhuphe zonke izidalwa ezisenqanaweni, iintaka neenyamakazi, nezinto ezirhubuluzayo, ukuze ziqhame, zande, zizalise ihlabathi.”