Genesis 8:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova wasezela ivumba elimnandi: wandul’ ukuti uyehova entliziyweni yake: Andiyi kupinda ukuwuqalekisa kanjako umhlaba ngenxa yabantu, nangona ukucinga kwentliziyo yomntu kukohlakele kwa sebutsheni bake; ndandingayi kupinda ndibuye ndikubete konke okupilileyo, njengokuba ndenje njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenze ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova weva ivumba elithozamisayo; Wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kulitshabhisa ihlabathi ngenxa yomntu; ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andiyi kuphinda ndizivelele zonke izinto eziphilileyo njengoko ndenze ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lamkeleka ivumba lazo kuNdikhoyo, waza wathi: “Andisobe ndiliqalekise ilizwe ngenxa yezenzo zabantu. Kaloku ndiyazi ukuba umntu uneengcinga ezigwenxa kwaeselula. Andisobe ndizitshabalalise izinto eziphilayo njengoko sendenjenjalo.