Genesis 8:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti ihobe belingenakufumanela umzantsi wenqina lalo ukupumla; laza labuyela kuye enqanaweni; ngokuba amanzi ebesebusweni bawo wonke umhlaba: wandula ukwolula isandla sake, walitabata, walingenisa kuye enqanaweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wasolula isandla sakhe, wayithabatha, wayirhuqela kuye emkhombeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa alizanga lifumane ndawo yakuhlala ihobe, laza labuyela kuye enqanaweni, kuba umhlaba wawusagqunywe ngamanzi. Wolula isandla uNowa, walibamba, walingenisa enqanaweni.