Genesis 9:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kumisa ucebano lwam nani, okokuba akusayi kunqanyulwa inyama yonke kanjako ngamanzi omsingakazi; nokuba akusayi kubuya kubeko umsingakazi wokutshabalalisa umhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiwumise umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbe, kungabi sabakho nogumbe wokulonakalisa ihlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuwumisa umnqophiso wam nani; kwaye yonke inyama ayisayi kuphinda itshatyalaliswe ngamanzi onogumbe; yaye akusayi kuphinda kubekho unogumbe wokutshabalalisa umhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.