Genesis 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti utixo: Lo ngumqondiso wocebano olo ndilwenzayo pakati kwam nani, nazo zonke izinto ezipilileyo ezikuni, kwisizukulwana ngesizukulwana kude kube ngunapakade:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ephakathi kwenu, kuse kwizizukulwana zasephakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.