Genesis 9:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa lomnyama uya kubako elifini, ndiya kwandula ndikangele pezu kwawo, ukuba ndikumbule ucebano olungunapakade pakati kwake utixo nazo zonke izinto ezipilileyo, ezenyama yonke esemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umnyama woba semafini ke, ndiwukhangele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umnyama uya kuba semafini; ndiwukhangele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni.