Genesis 9:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngenyaniso igazi lenu, e lobomi benu, ndiya kulibuza; kwa sesandleni sezilo zonke ndiya kulibuza; nasesandleni sabantu, esandleni sabazalwana babo abanye ngabanye, ndiya kubuza ubomi babantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza;esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Igazi lomphefumlo wenu ndolifuna; esandleni sezinto zonke ezizitho zine, nasesandleni somntu; esandleni sakhe wonke umzalwana ndiya kufuna umphefumlo womntu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu obulala omnye umntu unetyala. Nasiphi na isilwanyana esibulala umntu ndiya kusibulala.