Habakkuk 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okumkani siyabagxeka, nenkosi zisisihlekwa kuso; siyahleka inqaba zonke; siyafumbelela ihlabati, sizibambe ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo;bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kugculela ookumkani, nezidwangube zibe yintlekisa kubo; ziya kuzigculela zonke iinqaba; ngokuba baya kubutha uthuli, baluthabathe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iikumkani ahlekisa ngazo; bona abalawuli ayabagcolodela. Ke zona iinqaba awazazele nto; enza iinduli zokuhlasela azithimbe.