Habakkuk 1:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungomehlo angcwele kokokuba ubone inkohlakalo; akungekangele ububi; kunganina ukuba ubakangele abatimbi, nokuba uti cwaka nxa okohlakeleyo adla lowo olungileyo kuye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ubondele ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Unamehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungaboni okubi; Olibonayo inginingini, uthi cwaka, ongendawo akamdli na umntu owadlulayo kuye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku amehlo akho amsulwa, akangede ajongane nobubi, ungenako nokunyamezela ubugwenxa. Ngani ukuba ubabukele abakreqi? Kutheni wathi cwaka xa kunje, xa izikhohlakali ziginya abantu abangamalungisa kunazo?