Habakkuk 1:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Siyabanyusa bonke ngeqeṙu laso, siyabar̔olela emnateni waso, siyababutela elutanjeni lwaso; siyavuya ngoko, siyagcoba nokugcoba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benyuka bonke bephela, babanyusa endlwini, babambisa ngeminatha yabo, bahlanganisana ngomnatha; ngoko ke, bonwabile, bonwabile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku xa bebonke amaKaledi abatsala ngehaki; ewe, ababambisa ngomnatha. Nango ebaqokelela ebarhuqa, nto leyo iwavuyisa ngochulumacho.