Habakkuk 1:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko umteto uyapola, nobugwebo abupumi ngenyaniso: ngokuba abakohlakeleyo beṙaula abalungileyo; kukona kupuma ubugwebo obutyekisiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, umthetho awusalindelwe, nomgwebo awupheli; ngokuba abangendawo bawaxinzelele phantsi amalungisa; ke ngoko ukugwetywa okungalunganga kuyaqhubeka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Okwakungumthetho sekuyingxwelerha; ke bona ubulungisa abuvakali ndawo. Izikhohlakali zidobelel' amalungisa; ke bona ubulungisa buyagqwethwa.