Habakkuk 2:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ubudlwengu obenzelwe i‐Lebanone buya kugubungela wena, njengokuba imbujiswa yezilo itusa zona; ngenxa yegazi labantu, nobudlwengu obenziwe elizweni, esixekweni, nakubo bonke abemiyo kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kokugubungela;nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini;ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ugonyamelo lwaseLebhanon luya kukugubungela nokuphangwa kwezilwanyana eziyingcangcazelisayo, ngenxa yamagazi oluntu nangenxa yogonyamelo olwenziwe emhlabeni, isixeko nakubo bonke abemi baso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ugonyamelo olwenze eLebhanon lokufikela; uya kunkwantya yimbubho oyenzele izilwanyana. Kaloku uliphalazile igazi labantu; ewe, uyitshabalalisile imihlaba, wabhuq' iidolophu nabemi bazo.