Habakkuk 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umboniso ungowexesha elimiselweyo; kodwa uya kuteta ekupeleni, awuyi kuxoka: nakuba uzilazilayo, wulinde; ngokuba uya kuza ngenyaniso, awuyi kulibala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uzilazisile, ulinde yena; ngokuba iya kuza, ayiyi kuphela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo, kwaye uxhinele ixesha lesiphelo, ibe ke awuyi kuphosisa. Noba ngathi uyalibazisa, wulindele; ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.