Habakkuk 2:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako, uyakohlisa ngeveyine; uyindoda ezidlayo, akahlali ekaya; owandisa inkanuko yake njengayo ihadesi; ewe, unjengokufa, akangekoliswe; uyazihlanganisela izizwe zonke, uyazibutela abantu bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, enganeliswa, koko ezihlangani sela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo, emke newayini, uyindoda enekratshi, engahlali endlwini; owandisa umnqweno wakhe njengofileyo, enjengokufa, angahluthi; ke zonke iintlanga ziyahlutha bahlanganiselwa kuye, bahlanganisa bonke izizwe kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yona iwayini iyakhohlisa; umntu imenza azidle angazinzi. Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba, nqwa nokufa soze ahluthe, nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga, azibuthele kuye izizwe zonke.